In memories of our beloved Simphiwe Peter Siyaka
Mna Simphiwe Peter Siyaka, Zanendaba elokugula, ndazalwa ngonyaka ka 1964 nge 9th ka September. Ndizalwa ngu Elizabeth Nomathemba Siyaka notata wam ugxarhisa. Ndazalelwe kwa Langa eKapa.
Abanga amaphantsi ndiwenze eSt.Louis. Ndaze amabanga aphezulu ndawaqala eLanga High School apho ndahamba ndayokuwagqibezela eMthatha.
Bendixelengela inyama ePost office iminyaka emininzi.Ndithe ndiselapho, ngo 2007 kwafika ithongo elimhlophe lasekhaya landikhomba ekunyangeni. Oko ke ndandisehla ndisenyuka ndicenga amabandla.
Ndiye ndonganyelwa sisifo seswekile. Kuphele iminyaka ke ndisilwa naso. Ndiphume ndingena koogqirha. Ndiye ndayokungena esibhedlele ke apho ndisutywe khona kukufa.
Ndishiya ngasemva abantwana bam uAsanda,uAndiswa, uSiviwe, uSibongile,uAnitha, uMila kunye noMililitha. Abantwana baka mama wam uNtombi, uThembinkosi, uZoliswa, uMalunga kunye noLubabalo. Abantwana baka tata uNomonde, uThandy, uZanekhaya, uNombuyiselo kunye noAyanda. Ndiphinde ndishiye oomakazi, oomalume kunye nabazala bam abaninzi.
Ze nithule nithi tuu ke nto zakuthi. Ndihambile nje ndizakunicengela kobawo mkhulu.
You can to the family or in memory of Simphiwe Siyaka.
Guestbook